Text and images by Siba Nkumbi
“We ́re faces and phases, and we are not misbehaving”_ Annalyzer music
Lamazwi angentla abamba ubunono, ukuzingca nkenkcubeko eyimbali engaxolisiyo kwaye ingenaspheno kunjalo nje iyinyaniso emsulwa kuphela. Le mbali iluhambo olungakhange lubelula kodwa ke ngemfefe zomdali namandla wamanyange side safika kwesisigaba seshumi elinesithathu sishumayela le vangeli.

Annalyzer next to her portrait is one of the participants who gave a stunning performance © Nonkululeko Dube
Ngoko ke ngochulumanco olugcwele ukuchwayitha ndivumeleni ndixhentse ndizombelela kule inyanga yekhala exhabashe izipho eyininyi kulomnyaka ka 2019. Ewe kaloku lomha wamashumi amabini kule imiyo sibiyozela isigaba seshumi elinesithathu sikulendima ye Faces and Phases. Ngeba ndiyanaba ngolwimi olu ndibhala ngalo kodwa ke ngexhala lokuba umzalezo ngulo uzakulahleka namazwi iyiyo ke imbhangi yokuba ndifake elo lwimi likhumshileyo apha naphaya kuba ke kaloku alitshoni lingenadaba. Masirhabuleni singafinci..
Lomhla ngumhla womboniso bhanya bhanya oze ubuso ngobuso, obonisa uhambo olunembali engenakuze iphikiswe nangubani. Kwaye iyimbali esizingcayo ngayo kudla ngokuthiwa kwaXhosa xa kwehle into embi maxa wambi ihle endlini kuthwe ukufa kusembizeni. Mandithathe lamazwi ndiwafake ukukhanya ndithi UKUFA KUSEMBIZENI. Ewe kaloku oluhambo lubonisa ukutshabalala kocalucalulo kuthi thina be LGBTIQ+ ngoko ke unobangela kukudinwa nokunganyamezeli ukukhatywa singenabhola ngenxa yesimo esidaliweyo kwaye siphila phantsi kwaso, asixolisi kwaye singazithobi kodwa sinqonqozisa ubukho nokuphila kwethu apha emphakathini njengeyidalwa zenkosi namanyange. Lithi iculo lama AME icawa 121 (Akwaba sendivuma) kuthwa yahlukana nayo inkohlakalo yakho uye kwantliziyo ndise mntasekhaya.
Mandinabe kancinci ngembali nenkxwaleko esiphila ngaphantsi kwazo ngenxa yokuthanda eibathandayo.
“Andinaxesha lalekaka uyenzayo lesbian ndini, okusalayo ndiyakuthanda kwaye ndifuna ndingakumithisa”
“Awuyondoda udinga nje ukuboniswa ungumfazi”
“Ndithanda ndingakuxhwila ndiyayazi xa usele ibhiya ezintathu unxila ugoduke, ndiyakulindela ekoneni phantsi kwalamthi umkhulu”
“Mfondin uzawthini ungabaweleki, uyayaz nam ndiyindoda”
“Ngenye imini sawze sidibane kwirhanga engaphumeliyo ndukubonise abantu”
Lamazwi ngamazwi asuka ebantwini angamadoda egrogrisa Lesbians kuba kaloku kuthiwa lento siyenzayo ayidalwanga, ima ndiyinqonqoyisise lendaba ndithi lamazwi athethwe kum ndisiva kwaye ndaziva ndihlukumezekile. Into endizama ukuyitsho wena mfundi kukuba
iyandibhida into yabantu aboyika into abangayaziyo. Andingomdali kwaye andigwebi wena.
mAzania omhle ngokonje ndicela ithuba lokuvala kwamawi ethu ngalemini inkulu zomhla wamashumi amabini kule imiyo.
Muholi is not only exhibiting pictures as a photographer, these are untold stories only visible to those that are willing to open their eyes and see, untie their laces to no longer run from the truth, learn how to love for they know better now. Below are pictures of queer people happy and free, my only wish is for these moments zibe sisiqhelo imihla ngemihla.
Related posts:
https://inkanyiso.org/2015/03/09/2015-mar-9-african-photography-faces-and-phases-seminar/
https://inkanyiso.org/2015/03/29/2015-march-25-photos-from-faces-and-phases-book-launch-agi-uct/
https://inkanyiso.org/2015/09/13/2015-sept-8-faces-and-phases-presented-at-hasselblad-foundation/
https://inkanyiso.org/2019/08/02/faces-and-phases-turns-teen/
https://inkanyiso.org/2014/11/23/2014-nov-20-book-review-faces-and-phases-2006-2014/
https://inkanyiso.org/2014/12/06/2014-nov-25-faces-and-phases-embodying-the-freedom-of-being/