2019 Aug. 16: Imini engasoze ilibaleke

by Siba Nkumbi

Mfundi ndizakucela undiphe indlebe ukuze nam ndikwazi ukuza nazo ezindaba. Mamela

9A8A1327 copy

Lo umhla ngumhla esingakuze sikwazi uwulibala, ewe kaloku kuzalwa ingonyama emnyama genkani engaxolisiyo ngokuba nguye kuba kaloku amanyange amchonga ezihlele athi wena unguMuholi kwaye uzabahola endleleni.Ukuba lombhalo ungentla akakuniki ufifi lokuba ndithetha nagabani, ndinike ithuba wena ndikubhentsisele njengo vela bembhentsele noko ndakuza nembhalelwano ethe xhaxhe. Mandinabe, kunjalo nje nditshone egusheni.

Usingaye nguye kaloku umntu wakwa Muholi u Zanele igama ngokwesilungu ke siyakumbiza ngo Prof Sir Zanele Muholi. Ewe mani ndivumele ndithi ndingomye wababaliweyo ngokubhala ngalomphefumlo ungene ebomini babantu wabatshintsha wabakhulisa ebabonisa izakhono abanayo bengakwazi ukuzibona bona, hayi umntu uchongiwe kwaye indlela yakhe nobizo lwakhe lucace gca okwekati emnyama ehlungwini. Kwewu, amade ngawetyala. Ndivumeleni ndigxabhagxabhise okwamakhwenkwe asengqushwa enqumla ihagu ndingene endimeni, nam ndingazubamde! Mandikunike umfanekiso ngqondweni ukuze nawe ukwazi ukuhamba nam kulembhalelwano ivusisa izinkncwe!

Ngeminyaka emithile ezadlulayo namhlanje umfo omkhulu uzelwe, thina bamaziyo sizinkuku ezisikwe imilomo kodwa ke sivumele sichwayite xa kuzalwa lengqawa engumzekelo ekuhlaleni ndikunqonqozisise nditsho ndithi nawe uzakhuthi kwisizukulwana sesizukulwana

 

PHOTO-2019-07-20-09-45-15

sesiyukulwanakazi sakho uthi nawe ubuzinxalenye yalembali eyenziwe leliqhawe ukuze elam nelakho ilizwi livakale kuthi thina bazinxalenye yombutho we LGBTIQ+ amazwi ethu athe avakala kwaye asezakuvakala apha emndintsini wesizwe sakhowethu. Nditsho ke ngalamazwi ndisithi Bayethe mnumzana, ubukho bakho sebuqwalaselwe kwaye buseza kuqwalaselwa kulomhlaba, lugqatso olu ulifezileyo kwaye ulufeze usaphila. Ngoko ke sithi umbulelo ongazenzisiyo ngobukho bakho siwunika wena Tata. Nekuku zakho zokuzalwa yizakuvumela, ngoko ke nam ndivumele nditshambaze ndibonise umfundi abenomfanekiso ngqondweni ngalomntu sizingca ngaye namhlanje.

Ndiyawbe ndixoxa imbhudede xa ndiphindaphinda uchulumanco endilalo kwaye endiqonda nawe mfundi unalo ngokuba lingqina ebomi balomnumzanga. Ndingawatsalanga ndithi mandithabathe elithuba wena Muholi osiholayo ndisithi khula Tata ukhokhobe, kuwe sifunde kwaye sisafunda lukhulu. Ndivumele ndithi siyakubulela ngomonde, ukundiliseka, uthando, uxolo nethemba kungenjalonje nesiphiwo esinguwe ebomini bethu. Ngalomazwi sithi imini yakho uyonwabele. Qhawe lamaqhawe, wena uvela umelwe ngumhlaba angagungqi xa uzalwa kuba usisilo ngokwakho, inkunzi edlezinye, umagrazula. Kwewu ndawthetha kude kubuye amanina emendweni, mandihle nomcinga ndisithi Aaah Mhlekazi! Makwande.

Previous posts by Siba Nkumbi

https://inkanyiso.org/2018/01/15/2018-jan-15-pink-money-in-switzerland/

https://inkanyiso.org/2015/03/09/2015-march-5-a-simple-universal-healing-for-lifes-miseries/

https://inkanyiso.org/2017/03/10/dreams-do-come-true/

This entry was posted in A decade of Faces and Phases, Besides Happy Birthday, Birth, Birthdate, Birthday, Birthday wishes from friends and acquaintances, Birthplace, Eight years of photographing Faces and Phases, Faces and Phases, Faces and Phases (2006 - 2014) book launch..., Faces and Phases 10, Faces and Phases 13, Happy birthday, Happy birthday to me, Uncategorized and tagged , , , , , , . Bookmark the permalink.

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

Connecting to %s