2013 Feb. 25: Isithembiso

Sithandwa sentliziyo ingaba ulahleke phi na?

Kudala ndicinga ndikhangelana nawe dali wam.

Uthe Wakungaphenduli kwincwadi endikubhalele yona

Ndaqala ndaqonda konakele.

Umphefumlo wam wazulazula.

Ndabayindindi ndixakwe u’ba mandithini

Lihambile ixesha ndimana ndibhala ndilinde impendulo.

Kuthe kwakufika ixesha ngqangqa wam.

Ndaqonda u’ba elagqwirha likuzalayo

Likulukuhlile, ndavele ndayindindi.

Uwutyumzile umphefumlo wam.

Ndaqonda andikwazi kukuncama.

Ndakhwela ibhasi ngolwesihlanu ezintsukwini.

Ngentsimbi yesixhenxe ebusuku.

Besendilungise nentetha.

Ndizixelele uba andincami ungekabuyeli kum.

Sithandwa sam uba bendazile, u’ba nje ubundihlebele.

Kutheni lento ungakhange andilumkise nje?

Uhamba njani kulomhlaba ungavalelisanga?

Khange ndazi qunube lam.

Andazanga uba uyandidinga.

Kwaye khange ndiqonde u’ba unyuka umnqantsa

Ndixolele sithandwasam, xolisa intliziyo yam.

Bathi uzibulele,

Mna ndithi ubusel’ufile.

Ekugqibeleni abavumanga ndigalele umhlaba.

Ndathembisa u’ba ndakubalapho ukhoyo.

Ndasophula isithembiso.

Ndayeka abazali bakho bakwenze ibhola.

Ukuba ndandazile!

Ndabangwa ngumsindo ndashiya phantsi.

Zange ndiqonde.

Kowu! umhlaba uyahlaba.

Ndixolele nzwakazi, ndixolele bhelekazi

Ndikunikile uthando!

Wandinika intliziyo yakho!

Kodwa ke khange ndazi.

Kowu! ndiwophule umphefumlo wakho.

hamba kakuhle ke ntombazana.

Hamba uphumle ke nzwakazi

by Siya Mcuta
© 10/03/2012

This poem is about a broken promise, a story about misplaced love and miscommunication.

__________________________________
About the author

Siya Mcuta, Cape Town Station (2011). Photo by Zanele Muholi

Siya Mcuta, Cape Town Station (2011).
Photo by Zanele Muholi

Siya is an activist, feminist, mother, sister, friend and a daughter to my father, aspiring writer and storyteller.

She is an active member of Freegender.
Her previous articles are featuring in Sparkling Woman, published by Cheryl Roberts.

This entry was posted in Archived memories, Art Activism in South Africa, Black Lesbians, Documentation; Filming; Photography; Community, Relationships and tagged . Bookmark the permalink.

8 Responses to 2013 Feb. 25: Isithembiso

  1. Babalwa Ngcivana Redseed says:

    Sad!

  2. Charmain Carrol says:

    So sad!

  3. Pingback: 2013 April 3: Time keeps moving | inkanyiso.org

  4. Pingback: 2013 Sept. 21: Waiting | inkanyiso.org

  5. Sewana says:

    Great arletci, thank you again for writing.

  6. bongie says:

    so sad

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out /  Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out /  Change )

Connecting to %s